BACK TO THE HOMEPAGE           VOLUNTEER FOR US!
  LONWEB PARALLEL TEXTS

 

 

 

 

 

XHOSA

 
 

 

INKCAZO-JIKELELE 
NGEEMFANELO ZOLUNTU

ISINGENISO

Njengoko iimfanelo zesidima soluntu semvelo kunye neemfanelo zoluntu-jikelele olungenakunikelwa olusisisekelo senkululeko, ubulungisa noxolo emhlabeni.

UNIVERSAL DECLARATION
OF HUMAN RIGHTS

PREAMBLE

Whereas recognition of the inherent dignity and of the equal and inalienable rights of all members of the human family is the foundation of freedom, justice and peace in the world,

Njengoko ukungananzi nokudelelwa kweemfanelo zoluntu ezingunobangela weziphumo zobukrwada ezithi zibangele ingcwangu kwisazela soluntu, kunye nesiqalo nokufika kwelizwe apho uluntu luza kuxhamla ukuthetha ngokukhululekileyo, inkolo nenkululeko engenaloyiko kunye neemfuno ezazisiweyo njengeminqweno yoluntu-jikelele. Whereas disregard and contempt for human rights have resulted in barbarous acts which have outraged the conscience of mankind, and the advent of a world in which human beings shall enjoy freedom of speech and belief and freedom from fear and want has been proclaimed as the highest aspiration of the common people,
Kwananjalo kubalulekile ke ngoko, ukuba umntu anganyanzeliswa ukufumana uncedo, okwetyeli lokugqibela, ukuchasa ubundlobongela nengcindezelo, kuba iimfanelo zesidima sobuntu mazikhuselwe ngolawulo lomthetho. Whereas it is essential, if man is not to be compelled to have recourse, as a last resort, to rebellion against tyranny and oppression, that human rights should be protected by the rule of law,
Njengokuba kubalulekile ukukhuthaza kokwandiswa kobuhlobo nemvisiswano phakathi kwezizwe. Whereas it is essential to promote the development of friendly relations between nations,
Njengoko uluntu Lwezizwe Ezimanyeneyo luthe lwaqinisekisa kukubaluleka kweemfanelo zesidima soluntu, oku kuxabiseka kwesidima nokuxabiseka koluntu nakwiimfanelo zamadoda namakhosikazi, bathe bazimisela ukukhuthaza inkqubela yezentlalo nomgangatho obhetele kwimpilo yoluntu ekhululekileyo. Whereas the peoples of the United Nations have in the Charter reaffirmed their faith in fundamental human rights, in the dignity and worth of the human person and in the equal rights of men and women and have determined to promote social progress and better standards of life in larger freedom,
Njengoko amalungu obuRhulumente kunye nawezizwe ezimanyeneyo azimisele ukukhuthaza intlonipho yoluntu-jikelele nokuqatshelwa kweemfanelo zoluntu nokubaluleka kwenkululeko. Whereas Member States have pledged themselves to achieve, in cooperation with the United Nations, the promotion of universal respect for and observance of human rights and fundamental freedoms,
Njengoko iimvisiswano zesidima soluntu nenkululeko yoluntu zibalulekile ukuze kuzuzwe esi sithembiso, Whereas a common understanding of these rights and freedoms is of the greatest importance for the full realization of this pledge, Now, therefore,
NGOKU-KE NGENXA YOKO,

Intlanganiso-jikelele

Yazisa ngale nkcazo-jikelele engeemfanelo zoluntu ezikumgangatho oqhelekileyo wokuphumeza abantu bonke kunye nezizwe zonke, kude kube sekugqibeleni nokuba wonke ubani nakunye nemibutho yoluntu, ekufuneka igcine le nkcazelo, izame ukufundisa nokuqeqesha ukukhuthaza intlonipho yezomfanelo zoluntu nenkululeko, neendlela zenkqubela phambili, kwisizwe sonke nakumazwe angaphesheya ukuze kukhuseleke ummiselo-jikelele nokuqapheleka, uqwalaselo, phakathi koluntu lwamalungu oburhulumente ngokwawo, kunye nabantu bezizwe ezibaphetheyo.

The General Assembly, 

proclaims 

this Universal Declaration of Human Rights as a common standard of achievement for all peoples and all nations, to the end that every individual and every organ of society, keeping this Declaration constantly in mind, shall strive by teaching and education to promote respect for these rights and freedoms and by progressive measures, national and international, to secure their universal and effective recognition and observance, both among the peoples of Member States themselves and among the peoples of territories under their jurisdiction.

Inqaku loku-1

Bonke abantu bazalwa bekhululekile belingana ngesidima nangokweemfanelo. Bonke abantu banesiphiwo sesazela nesizathu sokwenza isenzo ongathanda ukuba senziwe kumzalwane wakho.

Article 1

All human beings are born free and equal in dignity and rights. They are endowed with reason and conscience and should act towards one another in a spirit of brotherhood.

Inqaku lesi-2

Wonke umntu unamalungelo kwiimfanelo nenkululeko eziqulathwe kule nkcazelo, ngaphandle kokwahlulwa ngobuhlanga, ibala, ubuni, ulwimi, inkolo, ezopolitiko nezinye izimvo, ezesizwe okanye ezentlalo, ezokuzalwa okanye namanye amawonga.

Ngaphezu koko, akukho mahluko unokwenziwa usekelwe kwezopolitiko, ulawulo lwezobulungisa okanye amawonga ezizwe nezizwana okanye ummandla apho umntu akhoyo, nokuba uzimele, ukuthembeka, urhulumente ongazimelanga okanye nokuba zeziphi indlela zokunciphisa ulawulo lobukumkani.

Article 2

Everyone is entitled to all the rights and freedoms set forth in this Declaration, without distinction of any kind, such as race, colour, sex, language, religion, political or other opinion, national or social origin, property, birth or other status.


Furthermore, no distinction shall be made on the basis of the political, jurisdictional or international status of the country or territory to which a person belongs, whether it be independent, trust, non-self-governing or under any other limitation of sovereignty.

Inqaku lesi-3

Wonke umntu unelungelo lokuphila, inkululeko kunye nokhuseleko.

Article 3

Everyone has the right to life, liberty and security of person.

Inqaku lesi-4

Akukho namnye oya kugcinwa ebukhobokeni nakukhuselo lomnye umntu, kanti urhwebo ngamakhoboka aluvumelekanga nangayiphina indlela.

Article 4

No one shall be held in slavery or servitude; slavery and the slave trade shall be prohibited in all their forms.

Inqaku lesi-5

Akukho namnye oyakuphathwa gadalala, ngenkohlakalo, ngokungenabuntu okanye ngempatho eluhlazo okanye isohlwayo.

Article 5

No one shall be subjected to torture or to cruel, inhuman or degrading treatment or punishment.

Inqaku lesi-6

Wonke umntu unelungelo lokwamkelwa yonke indawo njengomntu phambi komthetho.

Article 6

Everyone has the right to recognition everywhere as a person before the law.

Inqaku lesi-7

Bonke abantu bayalingana phambi komthetho kwaye benamalungelo ngaphandle kocalu-calulo ngokulinganayo kukhuseleko lomthetho. Bonke abantu banelungelo lokhuselo olulinganayo oluchasene naluphina ucalu-calulo olwaphula le nkcazelo, nangokuchasene neendlela zothelekiso kucalu-calulo.

Article 7

All are equal before the law and are entitled without any discrimination to equal protection of the law. All are entitled to equal protection against any discrimination in violation of this Declaration and against any incitement to such discrimination.

Inqaku lesi-8

Wonke umntu unelungelo loncedo lwesiphumo sobuchule benkundla yamatyala esizwe ngokomthetho owaphula iimfanelo ezibalulekileyo ezinikelwa ngumthetho wolawulo.

Article 8

Everyone has the right to an effective remedy by the competent national tribunals for acts violating the fundamental rights granted him by the constitution or by law.

Inqaku le-9

Akukho namnye oza kubanjwa ngendlela engaqondakaliyo, abe libanjwa okanye abe selubhacweni.

Article 9

No one shall be subjected to arbitrary arrest, detention or exile.

Inqaku le-10

Wonke umntu unelungelo elipheleleyo elilinganayo nelilungileyo nokuxoxwa kwetyala esidlangalaleni yinkundla ezimeleyo okanye inkundla zamatyala ezingakhethi cala ekumisweni kwamalungelo nemfanelo zoluntu kunye naluphi na ulwaphulo mthetho amangalelwe ngalo.

Article 10

Everyone is entitled in full equality to a fair and public hearing by an independent and impartial tribunal, in the determination of his rights and obligations and of any criminal charge against him.

Inqaku le-11

  1. Wonke umntu omangalelwe kuba enetyala, unelungelo lokubonwa engenatyala ade abe ufunyenwe enetyala ngokwasemthethweni kwinkundla yamatyala apho ebe nesiqiniseko esifanelekileyo sokhuseleko.
  2. Akukho namnye oya kufunyanwa enesohlwayo setyala ngenxa yomthetho okanye ukushiya isenzo esingamisa isohlwayo setyala, ngaphantsi kwamatyala esizwe nawezizwe-jikelele, nangexesha lokwenzeka kwetyala. Nakuba kubekwe isigwebo esinzima kunesiya esasisetyenziswa ngexesha lokwenzeka kwetyala.

Article 11

  1. Everyone charged with a penal offence has the right to be presumed innocent until proved guilty according to law in a public trial at which he has had all the guarantees necessary for his defence.
  2. No one shall be held guilty of any penal offence on account of any act or omission which did not constitute a penal offence, under national or international law, at the time when it was committed. Nor shall a heavier penalty be imposed than the one that was applicable at the time the penal offence was committed.

Inqaku le-12

Akukho namnye oya kuphazanyiswa kubomi obubobakhe, kusapho lwakhe, kwikhaya lakhe okanye ngokwembalelwano, nokuba kukuhlaselwa okuhlisa isidima nodumo lomntu. Wonke umntu kufanelekile ukuba akhuselwe ngumthetho ekuphazanyisweni okanye kuhlaselo.

Article 12

No one shall be subjected to arbitrary interference with his privacy, family, home or correspondence, nor to attacks upon his honour and reputation. Everyone has the right to the protection of the law against such interference or attacks.

Inqaku le-13

  1. Wonke umntu unelungelo lokuhamba nokuhlala phakathi kwemida yasebuRhulumenteni.
  2. Wonke umntu unelungelo lokushiya nokuba leliphi ilizwe nelakhe ngokunjalo kwaye aphinde abuyele kwelakhe ilizwe.

Article 13

  1. Everyone has the right to freedom of movement and residence within the borders of each State.
  2. Everyone has the right to leave any country, including his own, and to return to his country.

Inqaku le-14

  1. Wonke umntu unelungelo lokucela aze axhamle indawo yokhuseleko elubhacweni kwamanye amazwe.
  2. Eli lungelo alinakukhuselwa wakumangalelwa ngenyaniso engenamvelaphi, ulwaphulo-mthetho olungenazipolitiki okanye kumthetho ochasene neenjongo zomthetho-siseko zeZizwe ezimanyeneyo.

Article 14

  1. Everyone has the right to seek and to enjoy in other countries asylum from persecution.
  2. This right may not be invoked in the case of prosecutions genuinely arising from non-political crimes or from acts contrary to the purposes and principles of the United Nations.

Inqaku-15

  1. Wonke umntu unelungelo lobuhlanga.
  2. Akukho namnye oya kuhluthwa ubuhlanga bakhe okanye ahluthwe ilungelo lokutshintsha ubuzwe bakhe.

Article 15

  1. Everyone has the right to a nationality.
  2. No one shall be arbitrarily deprived of his nationality nor denied the right to change his nationality.

Inqaku le-16

  1. Amadoda namakhosikazi aselekhulile, ngaphandle kokuthintelwa ngenxa yobuhlanga, ubuzwe okanye inkolo, banelungelo lokutshata babe nosapho. Banamalungelo alinganayo emtshatweni naxa sewuqhawukile.
  2. Kuya kutshatwa ngokukhululekileyo nangokupheleleyo ngemvume yabo baza kuba ngumyeni nenkosikazi.
  3. Usapho lusisisekelo esibalulekileyo sendalo kuluntu kwaye lunelungelo lokhuseleko oluvela kuluntu nakuRhulumente.

Article 16

  1. Men and women of full age, without any limitation due to race, nationality or religion, have the right to marry and to found a family. They are entitled to equal rights as to marriage, during marriage and at its dissolution.

  2. Marriage shall be entered into only with the free and full consent of the intending spouses.
  3. The family is the natural and fundamental group unit of society and is entitled to protection by society and the State.

Inqaku le-17

  1. Wonke umntu unelungelo lokuba nezinto ezizezakhe yedwa kunye nezo azidibanele nabanye.
  2. Akukho namnye oyakuhluthwa athathelwe izinto zakhe.

Article 17

  1. Everyone has the right to own property alone as well as in association with others.
  2. No one shall be arbitrarily deprived of his property.

Inqaku le-18

Wonke umntu unelungelo leengcinga ezikhululekileyo isazela nokholo, eli lungelo liquka inkululeko yokutshintsha ukholo lwakho okanye ukukholwa nenkululeko yoko unokukwenza wedwa okanye nobudlelwane nabanye nokuba kusesidlangalaleni okanye emfihlakalweni, ukucacisa inkolo yakho okanye ukukholelwa kwimfundiso, ukwenza unqulo nokugcina izithethe.

Article 18

Everyone has the right to freedom of thought, conscience and religion; this right includes freedom to change his religion or belief, and freedom, either alone or in community with others and in public or private, to manifest his religion or belief in teaching, practice, worship and observance.

Inqaku le-19

Wonke umntu unelungelo lokucinga nokuthetha ngokukhululekileyo, eli lungelo liquka inkululeko yokuveza uluvo lwakhe ngaphandle kokuphazamiseka nokuzama ufumana ukuze udlulise ulwazi neengcinga nangaziphi na iintlobo zosasazo nokuba kukweyiphi na imida.

Article 19

Everyone has the right to freedom of opinion and expression; this right includes freedom to hold opinions without interference and to seek, receive and impart information and ideas through any media and regardless of frontiers.

Inqaku la-20

  1. Wonke umntu unelungelo lenkululeko yeendibano zoxolo kunye neentlanganiso zoxolo.
  2. Akukho namnye oya kunyanzeliswa ukuba abe lilungu lentlangano.

Article 20

  1. Everyone has the right to freedom of peaceful assembly and association.
  2. No one may be compelled to belong to an association.

Inqaku la-21

  1. Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba kwezobuRhulumente belizwe lakhe ngqo okanye ngokusetyenziswa kwamalungu akhethiweyo.
  2. Wonke umntu unethuba elilinganayo lokusebenzela uRhulumente welizwe lakhe.
  3. Intando yoluntu iya kuba sisisekelo sempatho kaRhulumente; le ntando iyakubonakaliswa ngamaxesha athile nangobunyani belungelo lovoto eya kwenziwa ngokufihlakeleyo okanye ngendlela elinganayo yokuvota ngenkululeko.

Article 21

  1. Everyone has the right to take part in the government of his country, directly or through freely chosen representatives.
  2. Everyone has the right to equal access to public service in his country.
  3. The will of the people shall be the basis of the authority of government; this will shall be expressed in periodic and genuine elections which shall be by universal and equal suffrage and shall be held by secret vote or by equivalent free voting procedures.

Inqaku la-22

Wonke umntu njengelungu lombutho woluntu, unelungelo lokhuseleko lombutho woluntu kwaye enelungelo lokuphumeza, ngeenzame zobuzwe nangemvisiswano zamazwe nangokuvumelana nemibutho namacebo obuRhulumente ngokwezoqoqosho, ezentlalo namalungelo amasiko neemfanelo zesidima nenkululeko engenkqubela-phambili yobuntu bakhe.

Article 22

Everyone, as a member of society, has the right to social security and is entitled to realization, through national effort and international co-operation and in accordance with the organization and resources of each State, of the economic, social and cultural rights indispensable for his dignity and the free development of his personality.

Inqaku la-23

  1. Wonke umntu unelungelo lokusebenza, ukuzikhethela umsebenzi ngokukhululekileyo, ubulungisa neemfuneko ezifanelekileyo zomsebenzi, kunye nokukhuseleka okuchasene nokungabinamsebenzi.
  2. Wonke umntu ngaphandle komkhethe, unelungelo lomvuzo olinganayo ngomsebenzi olinganayo.
  3. Wonke umntu osebenzayo unelungelo lobulungisa bokukhetha intlawulo ukuqinisekisa ukuba yena nosapho lwakhe baphila impilo enexabiso nesidima sobuntu, eya kuthi yongezwe kwakuba nemfuneko, ngezinye iindlela zokukhusela intlalo yoluntu.
  4. Wonke umntu unelungelo lokubumba okanye abe lilungu lweemanyano zorhwebo, ukukhusela iimfanelo zakhe.

Article 23

  1. Everyone has the right to work, to free choice of employment, to just and favourable conditions of work and to protection against unemployment.

  2. Everyone, without any discrimination, has the right to equal pay for equal work.
  3. Everyone who works has the right to just and favourable remuneration ensuring for himself and his family an existence worthy of human dignity, and supplemented, if necessary, by other means of social protection.
  4. Everyone has the right to form and to join trade unions for the protection of his interests.

Inqaku la-24

Wonke umntu unelungelo lokuphumla nokuba nexesha lokuphola, kunye namaxesha avumelekileyo okusebenza namaxesha eholide ezuza umvuzo.

Article 24

Everyone has the right to rest and leisure, including reasonable limitation of working hours and periodic holidays with pay.

Inqaku la-25

  1. Wonke umntu unelungelo lentlalo esemgangathweni ngokuphila impilo efanelekileyo kunye nosapho lwakhe, kunye nokutya, impahla, indawo yokuhlala, unyango kunye neenkonzo ezibalulekileyo zentlalo, kwanelungelo lokhuseleko wakungasebenzi, wakugula, wakuba ngumlwelwe, ngumhlolokazi, ngumdli-mhlalaphansi okanye wakuswela impilo ngokungalawulekiyo.
  2. Ubunina nobuntwana bulungelwe yinkathalelo ebalulekileyo kunye noncedo olukhethekileyo. Bonke abantwana nakuba bengazalwa emtshatweni mabaxhamle ukhuseleko lwentlalo ngokulinganayo.

 

Article 25

  1. Everyone has the right to a standard of living adequate for the health and well-being of himself and of his family, including food, clothing, housing and medical care and necessary social services, and the right to security in the event of unemployment, sickness, disability, widowhood, old age or other lack of livelihood in circumstances beyond his control.

  2. Motherhood and childhood are entitled to special care and assistance. All children, whether born in or out of wedlock, shall enjoy the same social protection.

Inqaku la-26

  1. Wonke umntu unelungelo lemfundo. Kuza kuba nomfundaze kwabaqalayo nakwimigangatho ebalulekileyo. Imfundo yabaqalayo iya kunyanzeliswa. Imfundo ngezobugcisa kunye nokufundela umsebenzi kuya kwenziwa ukuba kufumaneke kanti imfundo ephakamileyo nayo iya kwenziwa ukuba ifumaneke ngokulinganayo kuluntu lonke njengesiseko sempumelelo.
  2. Imfundo iza kujoliswa ngqo kwinkqubela phambili epheleleyo yoluntu nokomelezwa kwentlonipho yamalungelo oluntu nokubaluleka kwenkululeko. Iza kuxhasa imvisiswano, ukunyamezelana nobuhlobo phakathi kwezizwe, ubuzwe, namaqela eenkolo eyakuthi iphuhlise umsebenzi wamazwe jikelele ukuze kugcinwe uxolo.
  3. Abazali banelungelo elibalulekileyo lokukhetha uhlobo lwemfundo eyakuthi ifundiswe abantwana babo.

Article 26

  1. Everyone has the right to education. Education shall be free, at least in the elementary and fundamental stages. Elementary education shall be compulsory. Technical and professional education shall be made generally available and higher education shall be equally accessible to all on the basis of merit.

  2. Education shall be directed to the full development of the human personality and to the strengthening of respect for human rights and fundamental freedoms. It shall promote understanding, tolerance and friendship among all nations, racial or religious groups, and shall further the activities of the United Nations for the maintenance of peace.
  3. Parents have a prior right to choose the kind of education that shall be given to their children.

Inqaku la-27

  1. Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba ngokukhululekileyo kwinkqubela yelizwe lakhe, onwabele inkcubeko kunye nesabelo senkqubela phambili yenzululwazi kunye noncedo lwezo zinto.
  2. Wonke umntu unelungelo lokhuseleko, lwempatho kunye nezo zinto athi azithande ezithi zibe ziziphumo zezayo nayiphina inkqubela, ubuchule bokufunda nokubhala okanye ubugcisa bemveliso yombhali.

Article 27

  1. Everyone has the right freely to participate in the cultural life of the community, to enjoy the arts and to share in scientific advancement and its benefits.

  2. Everyone has the right to the protection of the moral and material interests resulting from any scientific, literary or artistic production of which he is the author.

Inqaku la-28

Wonke umntu unelungelo lentlalo yoluntu kunye neyezizwe-jikelele apho amalungelo nenkuleleko alenkcazo-jikelele athi amkeleke khona.

Article 28

Everyone is entitled to a social and international order in which the rights and freedoms set forth in this Declaration can be fully realized.

Inqaku la-29

  1. Wonke umntu kufuneka asebenzele uluntu aphila phakathi kwalo, apho inkululeko nenkqubela-phambili epheleleyo neyamkelekileyo yoluntu ithi ifumaneke khona.
  2. Ekusebenziseni amalungelo nenkululeko, wonke umntu uya kuba phantsi kwempembelelo ezimiselwe ngumthetho ngezizathu zokuqinisekisa ulwamkeleko ngentlonipho yamalungelo nenkululeko yabanye, ukuhlanganiswa kweemfuneko yokuziphatha kakuhle, esidlangaleni nentlalo-ntle ngokolawulo lwedemokrasi.
  3. La malungelo neenkululeko zoluntu mawangasetyenziswa ngendlela ephikisana neenjongo nemithetho yamazwe abumbeneyo.

Article 29

  1. Everyone has duties to the community in which alone the free and full development of his personality is possible.

  2. In the exercise of his rights and freedoms, everyone shall be subject only to such limitations as are determined by law solely for the purpose of securing due recognition and respect for the rights and freedoms of others and of meeting the just requirements of morality, public order and the general welfare in a democratic society.
  3. These rights and freedoms may in no case be exercised contrary to the purposes and principles of the United Nations.

Inqaku la-30

Le nkcazo-jikelele mayingatolikwa ngenjongo yokuba imele ezobuRhulumente, iqela okanye umntu owenza isithembiso okanye osenzo sineenjongo ezingatshabalalisa nokuba ngowuphi na umqathango wamalungelo kunye neenkululeko zoluntu ekuthethwa ngazo apha.

Article 30

Nothing in this Declaration may be interpreted as implying for any State, group or person any right to engage in any activity or to perform any act aimed at the destruction of any of the rights and freedoms set forth herein.